ISISHWANKATHELO: Imigaqo-nkqubo yeSebe
INGABULA-ZIGCAWU
Isibonelelo sokulinda
Iihambo zobuRhulumente
Ikhefu elilodwa
Ukufuduka
Isinxibo sokhuseleko
Ukuyeka emsebenzini
Izindlu zasebuRhulumenteni
Ixesha lokusebenza elithe kratya
Izithuthi Zokuxhaswa Ngentlawulo
Isiqinisekiso Sokusebenza Ngokusemgangathweni
Inkqubo Yezikhalazo Nezohlwayo
Uvavanyo lwexabiso lomsebenzi
Ukurhwebesha Nokukhetha
ISIBONELELO SOKULINDA
Injongo yalo mgaqo-nkqubo kukuseka imigaqo yokuqinisekisa ukuba abaqeshwa abafanelwe sisibonelelo sokulinda bayasifumana.
Kubhekiselelwe ngqo kumsebenzi othile, hayi kwisikhundla okanye kubukhulu.
Imigaqo yolawulo isekwe ngendlela yokuqinisekisa ukuba amalungelo abaqeshwa akhuselekile kwaye uMthetho weeMeko Ezingundoqo Zengqesho uyathotyelwa.
Isibonelelo sokulinda sisekelwe kumlinganiselo obekwe liSebe loLawulo lweeNkonzo zoLuntu.
IIHAMBO ZOBURHULUMENTE
Injongo yalo mgaqo-nkqubo kukubonelela iindlelo ezifanelekileyo nezithi zidle abaqeshwa xa bengekho kwiindawo zesiqhelo abasebenza kuzo.
Intlawulo exolisayo neyamkelekileyo iyenziwa liSebe xa abaqeshwa bethabathe iihambo zobuRhulumente besebenzela iSebe eli.
Izibonelelo kweli Sebe zisetyenziswa njengoko kuyalelwe kwiNcwadana yeziMali.
Izibonelelo zingahlenga-hlengiswa liSebe loLawulo lwemiSebenzi yoluNtu emva konyaka.
Kuyacaca ukuba ezi zibonelelo ziyalingana kubo bonke abaqeshwa bezikhundla namanqanaba omsebenzi ahlukeneyo.
IKHEFU ELILODWA
Injongo yalo mgaqo-nkqubo kukuqinisekisa ukuba abaqeshwa bayalinikwa ikhefu xa kukho iimeko ezibanyanzelisa ukuba bangabikho emsebenzini.
Bonke abaqeshwa bafanelekile ukufumana eli khefu, nelimele ukuqulunqwa liSebe leeNkonzo zoluNtu phantsi koMgaqo weeNkonzo zoluNtu nowe-PSCB ka-1999
Izibonelelo zenzelwa iimviwo, ukuya emagumbini okufunda, uphando, izizathu zemidlalo, ukufuduka, ilungu lembumba yabasebenzi, ukuthabatha inxaxheba kunyulo lwabaphathi boomasipala kanti nezinye iinjongo ezingaxelwanga apha.
Lo mgaqo-nkqubo usisixhobo esiqinisekisa ukuba ezi meko zingentla ziyafikeleleka kwaye ziyafumaneka kubaqeshwa bawo onke amanqanaba.
UKUFUDUKA
Injongo yalo mgaqo-nkqubo kukuxela indima yeSebe xa umqeshwa efuduswa kwenye indawo esiwa kwenye indawo yomsebenzi.
ISebe liya kuzihlangabeza iindleko ezamkelekileyo zokufuduka nokuba umqeshwa ukweliphi na inqanaba lomsebenzi okanye ubambe esiphi na isikhundla.
Le nkqubo ijonge ukumisa umgaqo wokuhlawula umqeshwa ofuduswe ekufezekiseni umsebenzi weSebe, oyekisiweyo emsebenzini, okanye oswelekileyo.
ISINXIBO SOKHUSELEKO
Injongo yalo mgaqo-nkqubo kukuqingqa iyunifomu nesinxibo sokhuseleko, nokusekela iSebe izikhokelo ngemibandela ejongene neyunifomu nesinxibo sokhuseleko.
Kuyagxininiswa ukuba ezi zibonelelo zilungelelaniswa namanqanaba emisebenzi.
Kuyacaciswa ukuba onke amanqanaba emisebenzi afanelwe sesi sibonelelo nokuba umqeshwa ngowaliphi ibala nasiphi isini.
Kuyagxininiswa kwakhona kwimimiselo yomThetho weMpilo noKhuseleko emSebenzini ukuba abaqeshwa abasebenza kwiimeko ezifuna isinxibo sokhuseleko, basinikwe eso sinxibo.
UKUYEKA EMSEBENZINI
Injongo yalo mgaqo-nkqubo kukuseka imigaqo nemimiselo emalunga nokuyeka ukusebenzela eli Sebe.
Enye injongo yalo mgaqo-nkqubo kukuseka inkqubo engenamfihlo, engenamkhethe, nenolawulo olufanelekileyo kubo bonke abaqeshwa beli Sebe.
Izibonelelo zale nkqubo zisekwe ngokomthetho oqulethwe kwiCandelo le-17 lomTthetho weeNkonzo zoluNtu.
IZINDLU ZASEBURHULUMENTENI
Lo mgaqo-nkqubo ufanele ukusetyenziswa njengesixhobo sokukhuthaza inkqubo engenamkhethe, nesokulungiselela ukwabiwa kwezindlu ngokufanelekileyo.
Apha kujongwe ukuphelisa iindledlana ezicalulayo ezinokuba zazisetyenziswa mandulo.
Kugxininiswa kwinkqubo emele ukulandelwa kwisigaba ngasinye sesi sibonelelo.
IXESHA LOKUSEBENZA ELITHE KRATYA
Injongo yalo mgaqo-nkqubo kukuseka isikhokelo sokuhlawula umsebenzi wexesha elithe kratya.
Le ntlawulo yenziwa ngokungqamene neqondo lentlawulo yomsebenzi kwaye ibalwa ngokweyure neyure.
Lo mgaqo uchaphazela onke amanqanaba omsebenzi ngaphandle kwabalawuli abakhulu.
Lo mgaqo-nkqubo usekwe ngokungqamene nomThetho weeMfuneko ezinguNdoqo zokuQesha
Ukuhlawulwa komsebenzi wexesha elithe kratya uxhomekeke kubukho bemali.
Intlawulo yalo msebenzi akufuneki igqithe kuma-30% omvuzo womsebenzi.
IZITHUTHI ZOKUXHASWA NGENTLAWULO
Lo mgaqo-nkqubo useka isikhokelo sokusingatha umcimbi wezithuthi ezixhaswa ngentlawulo.
Kugxininiswa ekubeni inkqubo ibe yengenamkhethe nelungeleleneyo.
Le nkqubo iqwalasela imisebenzi efanele ukwenziwa ngumqeshwa kwanesikhundla asibambileyo.
Lithathelwa ingqalelo neqondo lomvuzo xa kuxelwa udidi lwesithuthi esinokufumaneka kumqeshwa ngamnye.
ISIQINISEKISO SOKUSEBENZA NGOKUSEMGANGATHWENI
Umgaqo-nkqubo wesiQinisekiso sokuSebenza ngokuseMgangathweni neNkqubela (i-PMDS ngokufutshane) ukhokelwa ngumthetho osusela kwiPhepha lomThetho weNguqu kwiNkonzo yoluNtu uye kutsho kwiMigaqo yeNkonzo yoluNtu (i-PSR) yowama-2001
Kugunyaziswe ukuba le nkqubo iqale ukusebenza ngomhla woku-1 kuTshazimpuzi wama-2001.
Bonke abaqeshwa balindeleke ukuba bangene kwisivumelwano sokuqinisekisa ukusebenza ngokusemgangathweni, kwaye izicwangciso zomsebenzi ziya kusetyenziselwa ukuvavanya umsebenzi.
Esi siqinisekiso sibeka isikhokelo sokulawula indlela yokusebenza kakuhle ngothetha-thethwano, sicacisa noxanduva lomqeshwa ngamnye.
Esi siqinisekiso senza ukuba abaqeshwa bathathe inxaxheba ekuqulunqeni nasekufikeleleni kwisigqibo sezinto ekulindeleke ukuba bazenze ukuze babe basebenza ngokufanelekileyo.
Ukuhlolwa qho ngekota kwenza ukuba amacala omabini abuye aqwalasele imisebenzi ebifanele ukugqitywa ngelo xesha ukwenzela ukuba ezo zinto zingenakwenzeka zibuye ziqulunqwe ngokutsha.
Bobabini umphathi nomqeshwa banoxanduva lokusungula ingxoxo ngolu vavanyo lweenjongo, uphuhliso, nenkqubela yomsebenzi.
Le nkqubo ijolise ekuphuhliseni umqeshwa - iqalisa isiCwangciso soPhuhliso lomSebenzi (i-PDP)
Sigqibela ngokuthi le PMDS iza kuqinisekisa ukuba abantu kunye nezixhobo zokusebenza ziya kusetyenziswa ngeyona ndlela iyiyo ukuze iqhubele phambili, igcinakale inkqubo yenguqu ye-DWAF nokunikelwa kweenkonzo eluntwini ngokusemgangathweni.
INKQUBO YEZIKHALAZO NEZOHLWAYO
Le nkqubo iqinisekisa ukuba abaphathi bahamba ngomgaqo kwimibandela yenguqu, kubekho isohlwayo kwabo batenxayo.
Ikwavumela ukuba kuphandwe ukutenxa.
Ikhuthaza inkqubo engenamfihlo, yokuthabatha inxaxheba nokubeka abameli ukuze kukhule intsebenziswano ngokuthembana, bathenjwe abaphathi, imibutho yabaqeshi nabaqeshwa iyigcine iphila le nkqubo.
Iphelisa ucalulo olusekelwe kwibala lomntu, isini, njalo njalo.
UVAVANYO LWEXABISO LOMSEBENZI
Le nkqubo iqinisekisa ukuba abasebenzi abenza umsebenzi onexabiso elilinganayo bahlawulwa ngokulinganayo.
Uvavanyo lwexabiso lomsebenzi lwenziwa ekuhleni, alunamkhethe, lusebenzisa iindlela zokuvavanya ezamkelekileyo nezibekelwe kwiinqobo zomgangatho onguwo.
Le nkqubo ayimele kucalu-calula ngokwemisebenzi eyenziwa kakhulu ngamadoda okanye abafazi, ngoko ke isebenza kuyo yonke imisebenzi ekwisiMiselo semiSebenzi yeSebe.
Umsebenzi unelungelo lokucela ukuba ixabiso lomsebenzi wakhe livavanywe, hayi ukuba umsebenzi ngokwawo uvavanywe.
Umsebenzi ocela uvavanyo lwexabiso lomsebenzi kufuneka alunyukiswe ngelithi kusengenzeka ukuba uvavanyo olo lukhokele ekubeni inqanaba lomsebenzi linyuswe okanye lithotywe.
Ukuba kuza kuthotywa inqanaba lomsebenzi osele unomsebenzi kufuneka kuzanywe uhlengahlengiso lomsebenzi ukuze kunqandwe oko kuthotywa.
Ukuba aluphumeleli olu hlenga-hlengiso umsebenzi okuloo msebenzi unokutshintshelwa komnye olingana nalowo phambi kokuthotywa. Eso sigqibo siya kuthathwa emva kothetha-thethwano.
Umqeshwa onganelisekanga ziziphumo zovavanyo uvumelekile ukuba acele impinda yovavanyo zingekedluli iintsuku ezili-14 ezifumene ezo ziphumo. Iziphumo zovavanyo kufuneka zinikwe uMlawuli Jikelele nochonga isigqeba sokuchophela ezo ziphumo ngenjongo yokuhlela amandla alo mcimbi.. Umntu onokucela ukuqwalaselwa ngokutsha kweziphumo zoavanyo ngulowo uchaphazelekayo kulo mcimbi, njengomqeshwa obambe isikhundla salo msebenzi ubuvavanywa.
UKURHWEBESHA NOKUKHETHA
Inkqubo yokuqesha iya kuqinisekisa ukuba ukuqesha kulungelelene, akunamkhethe, kukhetha abawaziyo umsebenzi, kwaye inkonzo yoluntu imele bonke abantu.
Zonke izithuba ziya kuvuleleka kubo bonke abaceli msebenzi kungakhethwa bala lamntu, isini, inkolo, izimvo zopolitiko, ubuzwe, inkolo yokuziphatha ngokwesini, ubudala, ubulwelwe, inkcubeko, ulwimi, imeko yokutshata okanye nayiphi na into.
Izibhengezo kufuneka zicacise kakuhle ukuba iNkonzo yoluNtu izimisele kwinkqubo yokuqesha engenamkhethe, ngoko ke izicelo zamkeleke kuye wonke ubani.
Inkqubo yokukhetha umsebenzi iya kuvelela zonke iinkalo ezingqamene neemfuno zomsebenzi lowo kungabikho kujika-jika.
Kufuneka kubekho iKomiti yokukhetha enabameli abaneleyo babantu ekudala bahleleleka ize nomoya wodliwano-ndlebe ungabantlokothisi okanye ubaqhathe abaceli msebenzi.
Iziqinisekiso ezinganxulumene nomsebenzi okanye ezingaphaya kwezifunekayo njengezidanga zemfundo, iziphiwo zokuthetha, ixesha lokuba sengqeshweni, azisayi kumthethelela umntu ovela kumaqela abefudula ephethwe ngcono ngaphezu komntu obekade ehlelelekile.
Abantu amababuzwe ngesimo mayibe ngabo badweliswe ngumceli msebenzi ngaphandle kokuba uyinikile imvume yokubuza nakwabanye abantu abangabhalwanga kwingxelo yekamva.
